

edlulileyo lithi Nxa  Ngihlupheklle, alizange liphumelele kuba wayelinganisa uRebecca nabalandeli bakhe bakhetha elikaRebecca.
Ngoku uNozi ucula umculo owahluke kakhulu. Yigospile ecuntsule kwireggae, iR&B, idisco, ikwela nejazz.
lcwecwe elithi Farewell Ielovelwano namaxhoba kwiintlekele zaseMzantsi Afrika, ingakumbi kwizikhukula zasePietermaritzburg apho kwasweleka i-11 labahlobo bakhe.
UVicky Vilakazi onelizwi elimnandi, ulilungu leFamily Factory, unesoprano emnandi kwiingoma zegospile. Ucula kamnandi kwiingoma zakhe zokholo.
eFree State, uAlbertina uqale ukucula eseneminyaka emithathu.
lngoma yakhe egqwesayo ethi Thela Moya iye yachukumisa abantu kwiindibano eMzantsi Afrika, ezlmbabwe, eMalawi naseSeattle eUnited States.
Kubikwa ukuba xa ecula iingoma, amarhamente afuna ukusindiswa aguqa ngamadolo.
Phambi kokuba ndikhonze abantu ngomculo wam ndiyazila. Ndiyathandaza, ndifunde iBhayibhile. Umculo uthambisa abantu ngoMoya oyiNgcwele.
Umculo wam ayingowokonwabisa
ekwakhiweni kweecawa ezili-15 eMzantsi Afrika ngenxa yomculo wabo.
lcwecwe Iabo lamvanje elithi Sefaponong selithengiswa, lijoliswe ekufikeleleni bonke abangamalungu aseWesile.
Phofu ke, zininzi iikwayara nabacula isolo kunaba sebekhankanyiwe, kodwa aba ngabo basongela ukukhonya kukaRebecca kweli qonga lomculo.
Kambe ke kuza kufuneka bazibonise kwezentengiso. Ukuba banokwahlukileyo, okuthile okwakhayo emoyeni nokunefuthe, kofuneka babe batshatshele njengoRebecca. Lixesha elaziyo. 





Ngaba Amadodana aza kuhlala ethandwa njengokuba sekukho Amagugu Ase Wesile



lqabane lakhe kwiFamily Factory uMargaret Matsoge naye ukwatshatshele. Ngaloo alto yakhe elucwambu uzicula kamnandi iihymns neekhorasi, wakumphulaphula unokubona ukuba kumnandi ukuphulaphula igospile.
Omnye onik ifuthe kumarhamente nguAlbertina Nkhela Lekhoaba.
INkosikazi kaPastor Adam Lekhoaba weFamily of God Church eWelkom
kodwa ngowokudlulisela imiyalezo yasezulwini ukuze kuguqukwe emhlabeni - nditsho ngeengoma emnandi! utshilo uAlbertina edlamkile.
Oku kundisondeza kwikwayara yomculo wegospile nezinze eDobsonville, nayo esongela Amadodana Ase Wesile.
Le isungulwe ngo1989, de kube ngoku bancede


INTAPHANE YAMABHASO EMAKAZUZWE!
libhatyi ezisefashonini zeKANGOL, iiphosta ezinesignitsha, kuquka neeCD ezi-5 kwaneekhasethi ezi-5 zecwecwe lokuqala
IeLATE elithi ISGUBHU, kumele zizuzwe..khawufunde!
lcwecwe elitsha Ieqela eIitsha
UNGALIBALI UKUTHUMELA



58 BONA XHOSA - September 1997

Isithathu esithanda ifashoni sadibana kwivenkile yempahla eseJohannesburg, omnye wayezokuthenga, baza bacula kwaza ..kwasekwa ILATE!

kubalisa uBONGANI HLATSHWAYO kufote ULUCKY NXUMALO


ISGUBHU Iicwecwe lokuqala IeLATE, ngumxube wekwaito, iR&B, iragga nes'gubhu, kwaye Iiyatshatshela kwiqonga lomjuxuzo.
lngoma ethi Umgintsi ishikixa ngamasela eemoto aye atyeshela iintsapho zawo aze enze okungawafanele. Le yenye yeendlela zethu zokuthi phantsi nolwaphulomthetho, utshilo uFreddy.
Kwingoma ethi / Kinda Like You necuntsule kwisingqisho seragga kukho umyalezo obukhali ngeendibano zesondo neAlDS. Kweli cwecwe kukwakho nezinye iingoma ezimbini othi wakuziphulaphula kuthi qabu, yethi lm Sorry nethi Hooked On You.
ULance Sindicich, uFreddy Lamouar
Sehoola noTebogo T Mosh baneemvelaphi ezahlukeneyo kociwa isandi somculo abasikhuphayo saba yinto yabumini.
UFreddy noLance baqalise ukuqhelisela ukucula xa babesebenza kwivenkile yeempahla ekwesinye sezakhiwo zeCarlton Centre apho bobabini babephangela khona.
Kwalile ngaminazana ithile xa babecula ingoma kajodeci ethi Love You For Life, uTebogo owayesakhangela impahla afuna ukuyithenga kule venkile wabeva, wawathanda amazwi abo, waza wacela ukuba abathelele.
Sathi sakuvavanya ilizwi lakhe sabona ukuba ngekhe simlahle.
Ukususela ngoko sadibana sobathathu, uchaze oko uFreddy.
Okunene iLATE ifike ngexesha elihle!



IMITHETHO
1.Ungawathumela abe maninzi kangangoko uthanda amangenelo. Owafotostathileyo nozenzele wona ayakwamkelwa. lngenelo ngalinye maliphelekwe yipostal order ye R1 Amangenelo angenayo ipostal order awayi kwamkeleka. Mazingakhroswa iipostal order. 2. Nabani na angalungenela ngaphandle kwabasebenzi bakwaRepublican Press nezalamane zabo.
3.Asiyi kuphikiswa isigqibo sabagwebi kwaye akuyi kwamkelwa mbalelwano ngaso.
4.Naliphi na ingenelo esilifumene emva komhla wama-29 kuseptemba, 1997 wokuvalwa kokhuphiswano alisayi kwamkelwa. Asiloxanduva lwethu ukulahleka kwamangenelo okanye ukufika kwawo emva komhla wokugqibela wokhuphiswano.


UMhleli Wezabasetyhini, uPrimrose Williams, ukubhalela amanqaku ezabasetyhini zonke iinyanga
Bhotani kwakhona Bafundi!
Ukubethwa ngeentonga nokuxulutywa ngamatye kunokundibulala, kodwa ukundibiza ngamagama amabi akundikhathazi, Badla ngokutsho abantu. Ngaba yinyaniso leyo? Asiyiyo. Amagama amabi ayakuvisa intlungu!
Yiloo nto kuluxanduva olukhulu ukuthiya umntu igama -kuba unokubutshabalalisa ubomi bakhe xa umthiye igama elibi! Abanye abazali banomkhwa wokuthiya abantwana babo amagama amabi - abenza baphile kabuhlungu beneentloni ngamagama abo.
Sukuba kutheni xa umzali ethiya umntwana wakhe ngokuba nguNobenani, uNtwengento, uBethinja, uMoramang, njalo-njalo? Maxa wambi uthi umama xa ekhathazwa yindoda yakhe ethanda iilokhwe aze akhuphele umsindo wakhe ekuthiyeni umntwana igama lokuba nguFunelinjani, abe engaqondi ukuba ngumntwana oza kubizwa ngelo gama libi ubomi bakhe bonke.
Xa umntwana enikwa igama eliza kuba yintlekisa okanye elimenza abe neentloni, uya kuhlala eyiloo ntlekisa. Ngaba sifanele simangaliswe xa loo mntwana eliguqula igama lakhe akuba mdala?
Enye ingxaki iba kukuthiya abantwana ngamagama olwimi Iwasemzini esingawazi nokuba athetha ukuthini, kuba uliva libizeka kamnandi okanye kuba ufuna abe negama elinqabileyo. Ngaba ngenene linqabile elo gama? Ngaba akuthiyi umntwana ngegama elivakala limnandi kodwa lingenantsingiselo? Uninzi lwabantwana olunamagama anqabileyo kubathatha ixesha ukupela ngendlela amagama abo. Abanye baphantse bazilume bezama ukubiza amagama abo!
lingcali zengqondo zithi amagama abantwana anendima enkulu ekukhuleni nakwingomso labo. Ngokophando oluninzi olwenziweyo abantwana abadla ngokuba ziinjubaqa ngabo banamagama amabi. Amagama anjengelikaCijimpi, uLeshodu, uMhlupheki ngawo athi qatha engqondweni. OIo phando Iukwafumanise nokuba izenzo zolwaphulo-mthetho zixhaphakile ebantwini abanamagama amabi - mhlawumbi iyinyaniso intetho ethi "uIandel igama lakhe. Ngoko ngaphambi kokuba uthiye umntwana wakho, khumbula ukuba ingomso lakhe nobomi bakhe abunakuphuculwa kukumnika igama eliyingxaki.

Xesh elimnandi.
56 BONA XHOSA - September 1997

